16 “Ngaba uyaqiqa na – phulaphula ke!Bek' iindlebe ndithethe.
17 Umchasi-mthetho angalawula njani?Ke wena ungamgweba njani uThixoeyingangalala yelungisa nje?
18 Kaloku nakukumkani yena unokuthi: ‘Awunto yanto;’aze kwizidwangube athi: ‘Nizizinto ezikhohlakeleyo.’
19 UThixo akakhethi buso nakumatshawe;nesityebi akasilungiseleli ngaphezu kwehlwempu;kaloku bonke bangumsebenzi wezandla zakhe.
20 Bafa ngephanyazo ezinzulwini zobusuku;bayagungqiswa abantu, bafe;kwanezihandiba ziyawa zingawiswanga mntu.
21 “Kaloku yena uzijongile iindlela zabantu;uwabona onke amanyathelo abo.
22 Kaloku akukho thunzi nantsunguzi yabumnyamaapho abenzi bobubi bangazifihla khona.