28 Ohlelelekileyo bamtsho wazibika kuThixo,waza ke yena wasiva isikhalo sabasweleyo.
29 Xa athe cwaka ngubani ongamgwebayo?Naxa efihle ubuso bakhe ngubani ongambonayo?Nguye ngokwakhe olawula uluntu nezizwe,
30 ukuze athintele isikhohlakali ekulawuleni,singababekeli umgibe abantu.
31 “Ukuba ngaba umntu ebenokuthi kuThixo:‘Ndikuvukele, kodwa andiyi kuphinda ndone.
32 Ndifundise oko ndingenako ukukubona.Ukuba ndenze ubugwenxa andisayi kuphinda ndenjenjalo.’
33 Ngaba uThixo uthi useza kumohlwayangenxa yokumvukela kwakhe?Zikhethele ngokwakho, ingabi ndim.Into oyaziyo yithethe.
34 “Kambe ke iingqondi zosuka zithi,ewe, izilumko zona zingathi: