2 “Ucinga ukuba bubulungisa na obu?Kaloku uthi: ‘Ndiya kugwetyelwa nguThixo.’
3 Kanti ubhekisa kuThixo usithi:‘Khon' ukuba ndonile ke?Kundinceda ngani ukungoni?’
4 “Ke ngoku mna ndiza kukuphendula,wena ngokunjalo nabahlobo bakho.
5 Khawuqethuke ujonge amazulu,uwabone la mafu aphezu kwakho.
6 Noba uyona awumchukumisi nganto uThixo;ewe, awumenzi nto noba ungade uphinda-phinde!
7 Ukulungisa kwakho kumnceda ngantoni ke?Ewe, uThixo akazuzi nto esandleni sakho.
8 Ukona kwakho kuphazamisa kwa-abantu,nokulungisa kwakho kunceda kwabona.