9 “Abantu bayakhala ngenxa yobuninzi bengcinezelo;balangazelela ukukhululeka kwisandla sabanamandla.
10 Kodwa yinqaba ukubhenela kuThixo uMdali waboozisa ithemba xa sukuba lixubayele.
11 Nguye osinika ulwazi kunezilwanyana;yena usenza silumke kuneentaka.
12 Abantu noba sebekhala, uThixo akaphenduli,kuba abakhohlakeleyo bathiwe lwale likratshi.
13 Inene, uThixo akangeke awaphulaphule amampunge;uSomandla akawasi so tu.
14 Kunjalo maxa usithi akumboni uThixo,usithi umcimbi wakho uphambi kwakhe,usithi ulinde yena,
15 naxa uthi uThixo akacaphuki ohlwaye,usithi akasihoyi isono.