1 UElihu uqhube wathi:
2 “Kambe ke khawundinyamezele kancinci,kuba kusekho ekufuneka ndikuthethe ndimele uThixo.
3 Olwam ulwazi luvela kude;lucacisa ukuba uThixo, uMdali wam, lilungisa.
4 Kaloku akukho buxoki kula mazwi am –ophakathi kwenu unolwazi olugqibeleleyo.
5 UThixo womelele, kodwa akadeleli mntu;unamandla, nolwazi lwakhe alugungqi.
6 Izikhohlakali akaziyeki zidle ubomi,kodwa uyabazelelela abo bahlelelekileyo.
7 Akawasusi amehlo akhe kumalungisa.Nguye obeka ookumkani ezihlalweni,abanye abayeke apho ixesha elide.Kodwa ukuba bayaziphakamisa