15 Kambe uThixo uyabafundisa abantu nangehambo-nzima;ubavula iindlebe ngokusebenzisa nembandezelo.
16 “Nawe wakukhupha enkathazweni,wakutsho waxhamla intlala-kahle,usitya uhlutha, ungaswele nto.
17 Kodwa ngoku isohlwayo esifanele abakhohlakeleyo siphezu kwakho;ukugwetywa nokohlwaywa kukufikele.
18 Lumka ke umsindo wakho ungawenzi umgibe wokubambisa abanye,ungazimiseli ukusebenzisa ukunyoba okukhulu ukuguqula imeko.
19 Ngaba kukubhomboloza kwakho na okunokukunceda?Hayi bo, yonke imigudu yakho ayingeke incede.
20 Sukulangazelela ukuza kobusuku,xesha elo batshabalala ngalo abantu.
21 Lumka ungayi ebubini;ungazilahleli kubo ngenxa yokubandezeleka.