19 Ngaba kukubhomboloza kwakho na okunokukunceda?Hayi bo, yonke imigudu yakho ayingeke incede.
20 Sukulangazelela ukuza kobusuku,xesha elo batshabalala ngalo abantu.
21 Lumka ungayi ebubini;ungazilahleli kubo ngenxa yokubandezeleka.
22 Kaloku uThixo yimbalasane ngamandla;ke kumba wokufundisa uyingcungela.
23 UThixo akaxelelwa mntu amakakwenze;ngubani onokuthi kuye: ‘Wenze okugwenxa’?
24 Khumbula uwuphakamise umsebenzi wakhe,lowo abantu bawubongayo ngeengoma.
25 Bonke abantu bayayibona imisebenzi yakhe,noxa beyibona bekude nje.