23 UThixo akaxelelwa mntu amakakwenze;ngubani onokuthi kuye: ‘Wenze okugwenxa’?
24 Khumbula uwuphakamise umsebenzi wakhe,lowo abantu bawubongayo ngeengoma.
25 Bonke abantu bayayibona imisebenzi yakhe,noxa beyibona bekude nje.
26 Hayi ukuba mkhulu kukaThixo!Uyiphakamele ingqiqo yethu;inani leminyaka yakhe aligocagoceki.
27 “Nguye ofunxa amanzi emhlabeni,awajike awenze amathontsi emvula,
28 mvula leyo ina iphuma emafini,ibe zizandyondyo kumntu wonke.
29 Ngubani okuqondayo ukuhamba kwamafu,nokuzongoma kweendudumo ezulwini phaya?