27 “Nguye ofunxa amanzi emhlabeni,awajike awenze amathontsi emvula,
28 mvula leyo ina iphuma emafini,ibe zizandyondyo kumntu wonke.
29 Ngubani okuqondayo ukuhamba kwamafu,nokuzongoma kweendudumo ezulwini phaya?
30 Yena utshawuzisa umbane esibhakabhakeni;nguye ogubungela inzonzobila yolwandle.
31 Le yindlela aluxhasa ngayo uluntu,aluthi jize ngendyikityha yendyebo.
32 Ke yona imibane iselulawulweni lwesandla sakhe;uyayiyalela itsho ichan' ucwethe.
33 Kambe ke sona isiphango sixelwa ziindudumo,nditsho neenkomo ziyakwazi ukuza kwaso.