6 Izikhohlakali akaziyeki zidle ubomi,kodwa uyabazelelela abo bahlelelekileyo.
7 Akawasusi amehlo akhe kumalungisa.Nguye obeka ookumkani ezihlalweni,abanye abayeke apho ixesha elide.Kodwa ukuba bayaziphakamisa
8 bakhonkxwa ngamatyathanga,bebanjiwe ngezintya zeentlupheko.
9 UThixo ubatyhilela izenzo zabo,esalatha izikreqo zabo xa babeziphakamisa.
10 Kaloku yena ubenza balulamele ululeko;ubayalela ukuba bahlukane nobugwenxa.
11 Ukuba ke bayamva bemthobela uThixo,boyigqiba imihla yabo bexhamla indyebo,neminyaka yabo ibe yeyokwaneliseka.
12 Kambe ke xa bengeva baya kutshabalala ngekrele,bafe ngenxa yokuswela kwabo ulwazi.