18 Khawutsho, lingakanani ihlabathi?Phendula kaloku ukuba uyazazi ezi zinto!
19 “Ungalixela apho likhoyo ikhaya lokukhanya?Khona, wona umthombo wobumnyama uphi?
20 Ezi zinto ungazibuyisela na endaweni yazo?Khona, uyayazi na indlela esinga esikhundleni sazo?
21 Awunakungazazi; kaloku wawuseluzelwe,neminyaka yobomi bakho mininzi, ngabula wena!
22 “Wakha wababona oovimba bam bekhephu?Oovimba besichotho bona uyabazi?
23 Ezi zinto ndizigcinele mhla kwanyembeleka;ndizigcinele mhla kwathiwa ilizwe lifile.
24 Uyayazi na indlela eya apho kuvela khona ukukhanya?Uthini umoya wasempuma ukusasazeka phezu kwehlabathi?