14 Amaqanda ayo iwabeka emhlabeni iwashiyeukuze ke afudunyezwe ngumhlaba lowo.
15 Ayinaloyiko lokuba osuka anyathelwe,okanye kuthi gqi inyamakazi iwakroboze.
16 Ayinankathalo ngamantshontsho ayo, ngathi asingawayo;ayivakalelwa kukubhanga kwemigudu yayo.
17 UThixo uyivimbe ubulumko inciniba,akayinika nokuyinika ingqiqo.
18 Kambe ke yakuwathi naa amaphiko ayo ibalekaiyalihleka ihashe nokhwele kulo.
19 “Ngaba nguwe na owenze ihashe lomelela kangaka?Nguwe owalivathisa ngeso singci siyakayaka?
20 Nguwe olenze lanako ukuthi qakatha njengeenkumbi?Nguwe olenze larhwaqelisa ngesandi somfutho walo?