5 Namhlanje ke kungawe, naku ke wena ungenakunyamezela;ewe, zidla kuwe, ngoku ke wena suka wadideka.
6 Andithi na kaloku wena ukholosa ngokuhlonela uThixo?Ewe kaloku, qamela ngobunyulu beendlela zakho, ukholose!
7 “Hayi kaloku, khawuzikise ukucinga;ngubani owakha wabhanga emsulwa?Ingubani khona owakhe watshabalala kodwa engenabala?
8 Ke kwawam amava, abalima ububi, batyale inkathazo,bavuna loo nto bayilimileyo.
9 Ewe kaloku, ngokuphefumla nje kukaThixo batsho badake;ngenene yena ufutha kube kanye batsho baphel' emehlweni!
10 Bona banjengeengonyama ezikroboke amazinyo:nokuba ziyagquma zibhavumle ngokurhwaqelisayo,
11 ziyatshabalala kukuswela amaxhoba,nawo amathole azo asuke abe ziintsali.”