1 “Uthi ungaze uyilobe ingwenya, okanye ubambe ulwimi lwayo ngentambo?
2 Uthi ungaze uyifake intambo impumlo yayo,mhlawumbi uyithi qhoo imihlathi ngegwegwe?
3 Ucing' ukuba ingaze itarhuzise kuwe?Uthi ingakukubongoza ngamazwi athambileyo?
4 Uthi ingenza isivumelwano kunye nawe,ithembise ukuba likhoboka lakho ngonaphakade?
5 Ngaba ungayenza intaka ongadlalisa ngayo,uyikhulekele amantombazana akho?
6 Abarhwebi uthi bangarhweba ngayo?Ucing' ukuba bangahlulelana ngayo?
7 Isikhumba sayo ungasigqobhoza ngamagwegwe?Mkhonto waphi ongangxwelerha intloko yayo?