3 Bendingubani ukufuna ukulenza mfiliba icebo lakho, ndingenalwazi nje?Ngenene ndigabadele, ndithethiswa kukungaqondi;ndithethe ngemimangaliso nezinto ezinkulu kunam.
4 “Uthe kum: ‘Phulaphula,mna ndiza kukubuza, wena ke uphendule.’
5 Ngoko bendikwazi nje ngokuva ngeendlebe,kambe ke ngoku ndikubonile ngala wam amehlo.
6 Ngenxa yale nto ke ngoku ndiyazisola;ewe, ndiyaguquka; ndiseluthulini naseluthuthwini.”
7 Emva kwale ntetho *kaNdikhoyo noYobi uNdikhoyo ubhekise kuElifazi waseTema, wathi: “Umsindo wam uyavutha kuwe nakubahlobo bakho ababini, kuba anithethanga nto iyiyo ngam njengesicaka sam uYobi.
8 Ngoko ke thathani iinkunzi zeenkomo ezisixhenxe, neenkunzi zeegusha ezikwasixhenxe, niye nazo kwisicaka sam uYobi, nizenzele idini elitshiswayo. Ke yena uYobi isicaka sam uya kunithandazela; ibe ke mna ndiya kuwamkela loo mthandazo wakhe, ndinganiphathi ngokobudenge benu. Kaloku nina anithethanga nto iyiyo ngam njengoko enzileyo yena uYobi isicaka sam.”
9 Ngenene ke uElifazi waseTeman noBhildadi waseShuwa noZofare waseNama benza ngokomlomo *kaNdikhoyo, waza ke yena wawamkela umthandazo kaYobi.