1 “Danduluka kaloku, ukhale,ubone ukuba ukhona oya kuphendula!He-e-e, uza kubhenela kwesiphi ke ngoku isithunywa?
2 Ngenene izityhakala zizigwinta ngengcwangu yazo;lona ikhwele yimfeketho ephelela ekufeni.
3 Ndakha ndasibona isityhakala sihluma;suka ke mna ndaliqalekisa elo khaya laso.
4 Oonyana baso basesichengeni;nasenkundleni basisisulu,akukho bani ubahlangulayo.
5 Isivuno saso sityiwa zizilambi,zisicubungula naphakathi kwameva.Amabawa ayaburhogola ubutyebi baso.
6 Kaloku inkxwaleko ayiphumi luthulini,ibe ke nenkathazo ayintshuli mhlabeni.
7 Umntu nenkathazo ngumtya nethunga,kwanjengokuba intlantsi ihamba nomlilo!”