14 Kwakuba njalo ke kutsho kuhlw' emini kuzo;kuthi kusemin' emaqanda, zona zitotobe ziphampathe ngathi kukwabhadakazi!
15 NguThixo obakhuselayo abahlelelekileyo ekutyholweni;nguye obahlangula esandleni sabomeleleyo.
16 Ngoko ke likhona ithemba nakumahlwempu;ke zona izikhohlakali zitsho zisikw' umlomo!
17 “Ewe, unenyhweba umntu olulekwa nguThixo;ngoko ke sukuyidela ingqeqesho kaSomandla!
18 Kaloku yena uyenzakalisa, abuye abophe;kanti kwayena uyabetha, abuye aphilise ngezandla zakhe.
19 Yena uyaphinda-phinda ukukuhlangula ezinkathazweni,kanti ke ekugqibeleni akuyi kuba sachukunyiswa bubi.
20 Ngexesha lendlala uya kukuhlangula ekufeni;ukanti emfazweni uya kukusindisa ekreleni.