18 Kaloku yena uyenzakalisa, abuye abophe;kanti kwayena uyabetha, abuye aphilise ngezandla zakhe.
19 Yena uyaphinda-phinda ukukuhlangula ezinkathazweni,kanti ke ekugqibeleni akuyi kuba sachukunyiswa bubi.
20 Ngexesha lendlala uya kukuhlangula ekufeni;ukanti emfazweni uya kukusindisa ekreleni.
21 Ngokunjalo uya kukukhusela kwintlebendwane,ungabi naxhala ngexesha lonxunguphalo.
22 Unxunguphalo nendlala ziya kuba yimfeketho kuwe,ungawaxhaleli namarhwamncwa ehlabathi.
23 Uya kunqophisana namatye asemathambekeni,kubekho uxolo phakathi kwakho namarhamncwa asendle.
24 Umzi wakho uya kuhlala ukhuselekile,nasesibayeni uthi wakukhangela ufike ziphelele.