21 Ngokunjalo uya kukukhusela kwintlebendwane,ungabi naxhala ngexesha lonxunguphalo.
22 Unxunguphalo nendlala ziya kuba yimfeketho kuwe,ungawaxhaleli namarhwamncwa ehlabathi.
23 Uya kunqophisana namatye asemathambekeni,kubekho uxolo phakathi kwakho namarhamncwa asendle.
24 Umzi wakho uya kuhlala ukhuselekile,nasesibayeni uthi wakukhangela ufike ziphelele.
25 Inzala yakho iya kuba yinyambalala,isizukulwana sakho sinabe njengengca emhlabeni.
26 Uya kudla ubomi ude ukhokhobe,nqwa nengqolowa engavunwayo lingekafiki ixesha.
27 “Uyabona, siziphicothile ezi zinto, yaye zinjalo;yiva ke, uziqonde ubunyaniso bazo kuwe.”