6 Kaloku inkxwaleko ayiphumi luthulini,ibe ke nenkathazo ayintshuli mhlabeni.
7 Umntu nenkathazo ngumtya nethunga,kwanjengokuba intlantsi ihamba nomlilo!”
8 “Kambe ke, ukuba ibindim, bendiya kubhenela kuThixo,ndiyaneke phambi kwakhe imeko yam.
9 Kaloku nguye owenza izigigaba ezingenakugoca-gocwa;imimangaliso yakhe ayiphele ndawo.
10 Nguye onisa imvula emhlabeni,amasimi awanyakamise ngamanzi.
11 Yena ngumphakamisi wabadelekileyo;ke bona abasezinyembezini uyabathuthuzela.
12 Kaloku yena uyaliphuthisa icebo lesindwebi,ize imizamo yaso ibuye nemband' esikhova.