13 Ngenene mna ngokwam andisenawo amandla okuzinceda,futhi nempumelelo yam ndiphuncukene nayo.
14 “Intlungu yomntu imelwe kukukhathalelwa zizihlobo zakhe,nditsho nokuba yena selekutyeshele ukumhlonela uSomandla.
15 Kambe amawethu anobuqhokolo,afana nentlambo emanzi atshayo.
16 Iba namanzi amdaka anomkhenkce,apho linyibilikela khona ikhephu,
17 kodwa lithi lakubalela aphele,lakuba shushu asuke ome qoko!
18 Iinqwelo ziyaphambuka endleleni yazo, ziye kuyo,kodwa zifike zife namthanyana kuba kusenkangala.
19 Iinqwelo zaseTema zikhangela amanzi,nabahambi baseShebha baphunguza benethemba.