20 Kambe ke basuka badane ngenxa yelo themba labo,kuba bathi bakuya kule ntlambo bafike baphoxeke.
21 “Ngoku ke nani ninjalo,kuba nithe nakusibona isibetho endisifumeneyonasuka nathi rhubaxa noyika.
22 Ngaba ndikhe ndathi kuni: ‘Ndipheni into,’okanye ndathi: ‘Khanindinyobele ubani ngaloo ndyebo yenu’?
23 Ngaba ndikhe ndathi: ‘Ndihlanguleni esandleni sotshaba,’okanye ndathi: ‘Ndihlawuleleni koongalo-nkulu’?
24 Hayi ke, khanindifundise; ndothi cwaka!Ewe, ndiboniseni apho ndiphambuke khona!
25 Kambe ke wona amazwi athe ngqo aluncedo;ukanti ke ezi ngxoxo zenu ngaba ziphuhlisa ntoni?
26 Ngaba nifuna ukulungisa oko ndikuthethileyo,amazwi omntu oselencamile niwenze intetho engumoya?