12 Ngani ke ukuba ude undimisele umlindi?Ngaba ndilulwandle, okanye isilo solwandle?
13 Ndakulala ndiye ndicinge ukuba umandlalo wam wondithuthuzela,ndithi ubuthongo bondithomalalisa.
14 Kodwa wena usuka undirhwaqelise ngamaphupha;usuka undivingcele ngemibono.
15 Ndide ke mna ndikhethe ukukrwitshwa;kanye ndinyula ukufa kunokuphila kulo mzimba wam.
16 Ewe kambe, ndidikiwe bobu bomi;kakade andiyi kuphila ngonaphakade.Hayi ndiyekeni, kuba ubomi bam bunjengomphunga.
17 “Yaz'ba uyintoni na umntu, le nto umxabise kangaka;ngani ukuba umzondelele kangaka?
18 Ewe, yonke imihla uyamphicotha;ngayo yonke imizuzu uyamvavanya.