17 “Yaz'ba uyintoni na umntu, le nto umxabise kangaka;ngani ukuba umzondelele kangaka?
18 Ewe, yonke imihla uyamphicotha;ngayo yonke imizuzu uyamvavanya.
19 Hayi kaloku, khawuthi gu kancinci;khawundiyeke ndikhe ndiginy' amathe!
20 Ke ukuba ndiyona, ikukhathaza ngani loo nto, wena Malusi woluntu?Ngani ukuba ndibe selisweni lakho kangaka?Ngaba ndingumthwalo ongako kuwe?
21 Ngaba awungendixoleli na isono sam,ubulibale ubutyala bam?Kuba ke ngoku ndiza kulala kobandayo;uthi undifuna ndibe ndingasekho!”