10 Ke bona baya kukululeka, bathethe nawe;ewe, bangakuphokozela kuloo vimba wolwazi lwabo, bathi:
11 ‘Ngaba ingaphuma na imizí apho kungekho mgxobhozo?Uthi ingakhula ingcongolo apho kungekho manzi?
12 Zithi zingekalungeli kukhiwa,zimbatshe kuqala kunezinye izityalo.’
13 Iba njalo indlela yabo bonke abamlibalayo uThixo;ewe, ithemba lâbo bangamnquliyo uThixo liyadaka.
14 Kaloku bona bangqiyama ngentambo yesigcawu,lisuke ke elo themba labo linqamke.
15 Bayama ngendlu yesigcawu, ibe ke yona ingaqinanga;babambelela kuyo ngoku yona igqashu-gqashu.
16 Bahluma okwesityalo esinamanzi esibethwa yimitha yelanga,sona esinwenwa siphinyele egadini.