14 Kaloku bona bangqiyama ngentambo yesigcawu,lisuke ke elo themba labo linqamke.
15 Bayama ngendlu yesigcawu, ibe ke yona ingaqinanga;babambelela kuyo ngoku yona igqashu-gqashu.
16 Bahluma okwesityalo esinamanzi esibethwa yimitha yelanga,sona esinwenwa siphinyele egadini.
17 Iingcambu zaso zibhijela amatye,zibambelele kuwo.
18 Phofu ke uthi wakusincothula,kungabi sabonakala ukuba sasikhe sakho.
19 Uyabona, injalo indlela yokukhula kwaso:indawo yaso ithathwa sesinye.
20 “Ewe, uThixo akamlahli umntu othembekileyo,kodwa akangeke azomeleze izandla zabenzi bokubi.