17 Iingcambu zaso zibhijela amatye,zibambelele kuwo.
18 Phofu ke uthi wakusincothula,kungabi sabonakala ukuba sasikhe sakho.
19 Uyabona, injalo indlela yokukhula kwaso:indawo yaso ithathwa sesinye.
20 “Ewe, uThixo akamlahli umntu othembekileyo,kodwa akangeke azomeleze izandla zabenzi bokubi.
21 Ngoko ke úya kulubuyisela uncumo emlonyeni wakho,nemilebe yakho ibobotheke yimincili.
22 Ke bona abakuthiyileyo baya kwambathwa lihlazo;kanti ke yona imizi yabakhohlakeleyo iya kubhanga.”