2 “Mfondini, koda kube nini ushwaqa,usenza imbudede yamazwi afana nomoya obhudlayo?
3 Uthi uThixo angakujika okulungileyo?Uthi uSomandla angabugqwetha ubulungisa?
4 Ukuba abantwana bakho bawaphule ummiselo wakhe,yena ke ubawisele isohlwayo esibafaneleyo.
5 Into omawuyenze wena kukuzibika kuThixo,ubuse umbongoze uSomandla.
6 Ukuba ungumntu onyanisekileyo omsulwa,ngenene uya kukuva, akubuyekeze ngomzi wakho.
7 Ewe, ubunayo inkqubela ngaphambili,kodwa ayinakulinganiswa nendyebo owoba nayo esiphelweni.
8 Khawuphonononge ulande imbali yemihla yamandulo;phicotha ufunde kumava amanyange.