6 Ukuba ungumntu onyanisekileyo omsulwa,ngenene uya kukuva, akubuyekeze ngomzi wakho.
7 Ewe, ubunayo inkqubela ngaphambili,kodwa ayinakulinganiswa nendyebo owoba nayo esiphelweni.
8 Khawuphonononge ulande imbali yemihla yamandulo;phicotha ufunde kumava amanyange.
9 Kaloku thina singabayizolo, asazi nto,nemihla yethu emhlabeni idlula njengesithunzi.
10 Ke bona baya kukululeka, bathethe nawe;ewe, bangakuphokozela kuloo vimba wolwazi lwabo, bathi:
11 ‘Ngaba ingaphuma na imizí apho kungekho mgxobhozo?Uthi ingakhula ingcongolo apho kungekho manzi?
12 Zithi zingekalungeli kukhiwa,zimbatshe kuqala kunezinye izityalo.’