8 Nguye owawatwabululayo amazulu,waza wandolosa phezu kwawo amaza olwandle.
9 Nguye umenzi weendidi zeenkwenkwezi,oozibhere noomakroza, isilimela nomthala wasezantsi.
10 Yena ngumenzi wezinto ezinkulu ezingaphicothekiyo;kanti nemiqondiso yakhe ayinakubalwa.
11 Nokuba selegqitha ngakum andinako ukumbona;uthi tshe ndingaqondanga mna.
12 Khona selengade athathe into, ngubani ongamnqandayo?Akekho nongabuzayo athi: ‘Wenza ntoni ke?’
13 Kaloku uThixo akabuyi ngamva ngengqumbo yakhe;neentshaba zakhe ezazithelela uRahabhi isilo saselwandle wazinyhasha.
14 “Bendingubani ke mna ukuba ndingade ndiphendulane naye?Khona, ndingawazuza phi amazwi okuxoxa naye?