25 Naphuma nisiya kubona ntoni na kakade? Yayingumntu ohombileyo na? Niyabona, abo banxiba izivatho eziqaqambileyo, badle amanqatha elizwe, ngabasezindlwini zookumkani.
26 Ngaba naphuma nisiya kubona ntoni na kakade? Yayingumshumayeli na? Ewe, ndithi kuni, nibone oyena *ungumshumayeli ngokupheleleyo.
27 UYohane ngulowo uThixo atshoyo ngaye eziBhalweni ukuthi:“ ‘Naso isigidimi sam esiya kukwandulela,sikugabulele izigcawu.’
28 “Ndithi kuni, kubo bonke abazelwe kweli hlabathi akukho bani mkhulu kunoYohane; kanti noyena mncinane ùphantsi kolawulo olutsha lukaThixo mkhulu kunaye.”
29 Bakukuva oku, bonke abantu, kwanabaqokeleli-rhafu, bakungqina ukulunga kukaThixo, ekubeni babebhaptiziwe ngobhaptizo lukaYohane.
30 Ke bona *abaFarasi nabachazi-mthetho balidela icebo likaThixo lokubasindisa, kuba babengavumanga ukubhaptizwa nguYohane.
31 UYesu yena wayesithi: “Ndingabafanisa nantoni na ke ngoko abantu besi sizukulwana?