15 Kwakuhlwa abafundi bakaYesu beza kuye, bathi: “Le ndawo ayinamizi, nexesha selimkile; bandulule abantu bemke, baye ezidolophaneni, bazithengele ukutya.”
16 Kodwa uYesu wathi kubo: “Akukho mfuneko yakuba bemke. Bapheni nina ukutya.”
17 Bathi ke kuye: “Asinakutya apha. Sinezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini kuphela.”
18 Wathi: “Ziziseni apha.”
19 Esiyalele isihlwele ukuba sihlale phantsi engceni, wazithatha ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, wathi ekhangele ezulwini, wabulela, waziqhekeza izonka, wazinika abafundi bakhe, baza bazabela abantu.
20 Batya ke bonke bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezilishumi elinambini zokutya okuseleyo.
21 Amadoda atyáyo aba kumawaka amahlanu, bengekho kwelo nani abafazi nabantwana.