18 Wathi: “Ziziseni apha.”
19 Esiyalele isihlwele ukuba sihlale phantsi engceni, wazithatha ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, wathi ekhangele ezulwini, wabulela, waziqhekeza izonka, wazinika abafundi bakhe, baza bazabela abantu.
20 Batya ke bonke bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezilishumi elinambini zokutya okuseleyo.
21 Amadoda atyáyo aba kumawaka amahlanu, bengekho kwelo nani abafazi nabantwana.
22 Kwangoko ke uYesu wabanyanzela abafundi bakhe ukuba bakhwele esikhitshaneni, bamandulele baye ngaphesheya koLwandle lwaseGalili, ngeli xa yena asindululayo isihlwele.
23 Akuba ke esindulule isihlwele, wenyuka intaba eyedwa, esiya kuthandaza. Kwahlwa eyedwa khona apho.
24 Ngelo xesha isikhitshana sasesiphakathi elwandle, sintlithwa ngamaza, kuba umoya wawuvela ngaphambili.