18 Ngentsasa elandelayo, xa wayebuyela esixekweni, walamba.
19 Wathi ebone umkhiwane ngasendleleni, waya kuwo, kodwa akafumana siqhamo, yaba ngamagqabi kuphela. Wathi kuwo: “Makungaze kubekho siqhamo kuwe naphakade.” Waza woma kwangoko umkhiwane lowo.
20 Bekubonile oku, abafundi bakaYesu bamangaliswa, bathi: “Kutheni ukuba usuke wome ngokukhawuleza kangaka lo mkhiwane?”
21 Waphendula uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, ukuba niyakholwa, ningathandabuzi, niya kuba nako ukuyenza le nto ndiyenzé kulo mkhiwane, ngaphezu koko nibe nokuthi nakule ntaba: ‘Funquka, uphoseke elwandle,’ ize yenzeke loo nto.
22 Konke enikucelayo ngomthandazo nikholwa, nokwamkela.”
23 UYesu wangena endlwini kaThixo wafundisa. Beza kuye ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu, bathi: “Ezi zinto uzenza ngagunya lini? Ngubani okunike eli gunya?”
24 UYesu wabaphendula esithi: “Nam ndiya kunibuza umbuzo ube mnye. Ukuba nithe nandiphendula, ndonixelela ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.