15 “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Nityhutyha ulwandle nomhlaba ukuze nizuze nokuba mnye ongenayo ebuJudeni; kuthi ke, nakuba nimzuzile, nimenze ofanelwe sisihogo ngokuphindiweyo kunani.
16 “Mawoo, nina zinkokheli ziziimfama, nina enithi: ‘Ofunge *indlu kaThixo, akunto oko; kodwa ofunge igolide yendlu leyo, ubotshiwe sisifungo sakhe.’
17 Zidengendini zeemfama, kanene yintoni na enkulu? Ngaba yigolide leyo, okanye yindlu eyenza ibaluleke loo golide?
18 Kwakhona nithi: ‘Ofunge iqonga lamadini, akunto oko; kodwa ofunge umnikelo ophezu kweqonga, ubotshiwe sisifungo sakhe.’
19 Zimfamandini, ngaba yintoni na enkulu? Ngaba ngumnikelo lowo, okanye liqonga lamadini elenza ubaluleke loo mnikelo?
20 Ngoko ke, othe wafunga iqonga lamadini, ufunga lona kwanako konke okuphezu kwalo;
21 nalowo uthe wafunga indlu kaThixo, ufunga yona kwanalowo iyindlu yakhe.