29 Ndithi kuni, andiyi kuphinda ndisele kwincindi yeediliya, kude kube yiloo mini ndiyisela kunye nani iyentsha kwikomkhulu likaBawo.”
30 Bakuba becule indumiso, baphuma baya eNtabeni yemiNquma.
31 Ngelo xesha uYesu wathi kubo: “Ngobu busuku nonke niya kukhubeka ngenxa yam, kuba *iziBhalo zithi: ‘Ndiya kubulala umalusi, zichithakale iigusha.’
32 Xa ke ndithe ndavuswa ekufeni, ndiya kunandulela, ndiye kwelaseGalili.”
33 Waphendula uPetros, wathi kuye: “Nokuba baya kukhubeka bonke, mna andingekhe!”
34 UYesu ke wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, kwangobu busuku, ingekakhali inkuku, uya kundikhanyela kathathu.”
35 UPetros wathi kuye: “Nokuba ndingade ndibe ndiza kufa kunye nawe, andingekhe ndikukhanyele!” Batsho bonke ke abafundi.