18 Kothi ke ukuzila kwakho kungabonakali ebantwini, koko kubonakale kuYihlo ongabonwayo, aze yena uYihlo obona okwenzeka emfihlekweni akuvuze.”
19 “Ze ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela aqhekezayo ebe.
20 Koko ziqwebeleni ubutyebi ezulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angaqhekeziyo ebe.
21 Kaloku apho bukhoyo ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.”
22 “Isibane somzimba liliso. Xa iliso lakho lilungile, umzimba wakho uphela uya kukhanyiseleka.
23 Kodwa ukuba iliso lakho alilunganga, umzimba wakho uphela woba sebumnyameni. Ke, ukuba ukukhanya okukuwe kububumnyama, koba mnyama kangakanani!”
24 “Akukho mntu unokukhonza iinkosi ezimbini, kuba uya kuyithiya le, ayithande leya, okanye abambelele kule, ayidele leya. Aninako ukukhonza uThixo kwanobutyebi.