2 Ke uDavide wathi: “Mandimenzele ububele uHanun, unyana kaNahashe, kuba uyise wandenzela ububele.” Wathumela izigidimi ke uDavide ukuba ziye kukhuza ukumkani uHanun ngenxa kayise.Athe ke loo madoda akufika kuHanun kwelama-Amon, eze kumkhuza,
3 zasuka izikhulu zama-Amon zathi kuHanun: “Ucinga ukuba ngaba uDavide lo unika imbeko kuyihlo ngokuthumela la madoda kuwe esithi eze kukukhuza? Ayikho loo nto! La madoda ngoongcothoza; eze kuhlola eli lizwe ukuze akwazi ukulibhukuqa.”
4 UHanun wasuka wawabamba loo madoda kaDavide, wawagugula iindevu, nezambatho zawo wazigumpula embindini kwaya kuthi xhaxhe ezimpundwini, waza ke wawandulula.
5 Uthe ke uDavide akuxelelwa ngoko kwenzekileyo kula madoda, wathumela izigidimi, zawahlangabeza, kuba kaloku ayehlaziswe gqitha. Ukumkani wathi: “Hlalani eJeriko, ningabuyi de zikhule iindevu.”
6 Ke kaloku aqonda ama-Amon ukuba azigqwalisile kuDavide, waza ke uHanun enama-Amon ephela bathumela amashumi amathathu anane amawaka eekhilogram zesiliva, ukuze kuqeshwe iingqwelo namajoni eAram-narayim, eAram-maka, naseZobha.
7 Baqesha amashumi amathathu anambini amawaka eenqwelo namajoni azo, kwakunye nokumkani waseMaka nomkhosi wakhe. Ke yena waza wafika wamisa ngaseMedeba; abe ke wona ama-Amon ecombuluka ephuma kuzo zonke iidolophu zawo, exhobele imfazwe.
8 Akuyiva loo nto uDavide wakhupha uJowabhi nomkhosi wonke wamagorha.