1 Nanga amagama oonyana bakaSirayeli abâfuduka kunye naye baya eJiputa nezindlu zabo:
2 uRubhen, uSimon, uLevi, noJuda;
3 uIsakare, uZebhulon, noBhenjamin;
4 uDan, uNafetali, uGadi, noAshere.
5 Bebonke abayinzala kaYakobi babengamashumi asixhenxe. Kaloku yena uJosefu wayeseleseJiputa kakade.
6 Ekuhambeni kwexesha wafa uJosefu nabantakwabo, naso sonke eso sizukulwana.