Eyemfuduko 17 XHO96

Amanzi ampompoza eliweni

1 Ekuphumeni kwintlango iSin onke amaSirayeli ahamba amabanga ngamabanga ngokuyalelwa *nguNdikhoyo, ada aya kufika eRefidim, akhe aphumla khona. Kule ndawo ke ayengekho amanzi.

2 AmaSirayeli asuka ke alwa noMosis, athi: “Sinxaniwe; siphe amanzi!”UMosis wathi kuwo: “Kutheni nisilwa nam nje? Nimlingelani uNdikhoyo?”

3 Kambe ke amaSirayeli akayekanga ukumkhalazela uMosis, kuba ayenxaniwe. Athi: “Kodwa kodwa, ungathini ukusikhupha eJiputa, ukuze uze kusichana ngonxano, thina nentsapho nemfuyo yethu?”

4 UMosis wazibika kuNdikhoyo, wathi: “Kodwa ndiza kubathini aba bantu? Bangasuka bandixulube ngamatye.”

5 UNdikhoyo wayalela uMosis, wathi: “Thatha amadoda amakhulu, uhambe nawo, uwashiye amaSirayeli; ungayishiyi induku yakho owabetha ngayo umlambo iNayile.

6 Ke mna uya kufika ndikulinde eliweni eHorebhe. Libethe iliwa elo. Kuya kumpompoza amanzi, amaSirayeli abe nokusela.” Yonke ke le nto uMosis wayenza ekunye namadoda amakhulu.

7 Le ndawo ke yathiywa igama kwathiwa yiMasa neMeribha, kuba kaloku apha amaSirayeli alwa noMosis, amvavanya uNdikhoyo, esithi: “Ukho na phakathi kwethu uNdikhoyo, nokuba hayi?”

Idabi nama-Amaleki

8 Apha eRefidim ke ama-Amaleki eza ahlasela amaSirayeli.

9 UMosis ke wayalela uYoshuwa wathi: “Khetha amadoda athile, niphume niye kulwa nama-Amaleki. Ngomso mna ndiya kuma phezu kwentaba ndiphethe laa nduku ndiyinikwe nguThixo.”

10 UYoshuwa wenza ngokomyalelo kaMosis, baphuma baya kulwa nama-Amaleki. Ke yena uMosis, enoAron noYuri, benyukela phezu kwentaba.

11 Ngalo lonke ixesha uMosis eziphakamisile izandla zakhe, amaSirayeli ayewagxotha ama-Amaleki; kodwa athi akuzithoba izandla, oyiswe amaSirayeli.

12 Wathi akudinwa uMosis, uAron noYuri bamhlalisa elityeni, bamxhaka, baphakamisa iingalo zakhe lada latshona ilanga.

13 Ngale ndlela ke uYoshuwa wawaswantsulisa ama-Amaleki.

14 *UNdikhoyo ke wathetha noMosis, wathi: “Yibhale ingcombolo yale mfazwe, khon' ukuze ingaze ilibaleke. Xelela uYoshuwa ukuba ndizimisele ukuwacim' igama ama-Amaleki kwelimiweyo.”

15 UMosis wenza iqonga lamadini, wathi igama lalo nguNdikhoyo intshinga yam,

16 esithi: “Yiphakamiseni intshinga kaNdikhoyo. UNdikhoyo uya kulwa naye uAmaleki kude kube ngunaphakade.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40