Eyemfuduko 12 XHO96

IPasika

1 *UNdikhoyo wabayalela ooMosis noAron kwelaseJiputa, wathi:

2 “Le iya kuba yinyanga yenu yokuqala enyakeni.

3 Thetha namaSirayeli, uthi ngomhla weshumi kule nyanga umzi ngamnye mawuzifunele ixhwane.

4 Kambe ke ukuba umzi lowo unabantu abambalwa, awunako ukulitya uligqibe ixhwane, mawudibane nommelwane, yomibini ihlanganyele ixhwane elinye ngokobubanzi beentsapho zayo. Ngoko ke umzi ngamnye uya kulinganiselwa ixhwane kwangaphambili.

5 Ixhwane elo lichongwayo malingabi nasiphako, libe nonyaka ubudala. Ingalelegusha okanye elebhokhwe.

6 Maligcinwe kude kube ngumhla weshumi elinesine wenyanga, apho liya kuthi lonke ibandla lamaSirayeli liwaxhele amaxhwane alo ngorhatya.

7 Ngaloo mini ke baya kuthatha igazi lexhwane elo, bayidyobhe ngalo imigubasi yaloo ndlu batyela kuyo, ngapha nangapha naphezulu.

8 Ngobo busuku inyama leyo ze bayose, bayifake umthi womkrakriso, bayitye, bayidibanise nesonka esenziwe ngentlama engenagwele.

9 Ningakhe nilinge niyitye iluhlaza, okanye iphekiwe. Mayosiwe xa iyonke; nditsho nentloko namanqina nezibilini.

10 Le nyama ke ize ingabekelwa ingomso. Xa kwenzekile yasala, ize itshiswe ngomlilo kusasa.

11 Uyabona ke ze nenjenje: Yityeni seningxamele ukuhamba; nifinyezile, iimbadada zisezinyaweni, induku isesandleni. Kaloku esi sisidlo sePasika kaNdikhoyo.

12 “Kanye ngobo busuku ndiya kulityhutyha elaseJiputa, ndihambe ndiwabulala onke amazibulo, ndiqalele kwawabantu, ndiyokutsho nakwawemfuyo. Mna Ndikhoyo ndiya kuba ngumgwebi phezu *koothixo bamaJiputa.

13 Izindlu enikuzo ndiya kuzibona ngegazi; lona loba ngumqondiso endininika wona. Ndiya kuthi ndakubona igazi ndigqithe, angafiki kuni ubhubhani xa nditshabalalisa amaJiputa.

14 Le mini ke ize ibe sisikhumbuzo kuni. Ze ningayilibali, ngayo nibhiyozele uNdikhoyo, niyenze ibe ngummiselo olisiko nakwizizukulwana.”

Umsitho wesonka esingenagwele

15 Waqhuba *uNdikhoyo wathi: “Uyabona ke, niya kuthatha iintsuku ezisixhenxe nisitya isonka esenziwe ngentlama engenagwele. Ngosuku lokuqala ze niligqogqe nilikhuphe lingabikho igwele ezindlwini zenu. Kwezi ntsuku ke umntu okhe watya into enegwele uya kuhlanjwa kwibandla lamaSirayeli.

16 Umhla wokuqala nomhla wesixhenxe uya kuba ngumhla owodwa wenkonzo; akukho msebenzi uya kwenziwa ngayo ngaphandle kokupheka.

17 Lo msitho ke ze niwugcine, kuba ngawo nokhumbula umhla endanikhupha ngawo eJiputa ningamabutho ngamabutho. Ngoko ke wenzeni ube ngummiselo kammiselo.

18 Ukususela kurhatya lomhla weshumi elinesine, kuye kutsho kurhatya lomhla wamashumi amabini ananye, ze ningasityi isonka esinyusiweyo.

19-20 Ngezo ntsuku zisixhenxe malingabikho igwele ezindlwini zenu, kuba okhe watya into enegwele uya kuhlanjwa ebandleni likaSirayeli, noba uyinzalelwane, okanye ngumngeneleli. Naphi na apho nikhoyo ze nitye isonka esinganyuswanga; esinegwele ze ningasifaki emlonyeni.”

IPasika yokuqala

21 UMosis ke wawabiza amadoda amakhulu amaSirayeli, wathi kuwo: “Hambani ngoku nizifunele amaxhwane ngokwemizi yenu, nixhelele *iPasika.

22 Umntu makathathe amahlamvu ehisopu, awathi nkxu kwigazi lexhwane elisesityeni, afefe imigubasi yomibini naphezu kwayo. Akuyi kuphuma mntu ke apho kuloo ndlu kude kube kusasa ngengomso.

23 Kaloku xa *uNdikhoyo ejikeleza, ehamba ebulala amaJiputa, uya kuthi akubona igazi emigubasini, awugqithe loo mnyango, angamvumeli umtshabalalisi angene anibulale.

24 Ze niyilulamele le miyalelo ibe ngummiselo kuni nakwizizukulwana.

25 Naxa senide nafika nakwelo lizwe nathenjiswa ngalo nguNdikhoyo ze ningayilibali.

26 Niya kuthi ke xa nibuzwa ngabantwana benu ngalo msitho, besithi ngaba uthetha ntoni na,

27 nibaxelele nithi: ‘Ngalo msitho sitya idini lePasika lokudumisa uNdikhoyo, sikhumbula mhla wazigqitha izindlu zamaSirayeli eJiputa, mhlenikwezeni watshabalalisa amaJiputa, wasisindisa ke thina.’ ” AmaSirayeli ke asuka athi guqaqa, anqula uNdikhoyo.

28 Ahamba ke amaSirayeli aya kwenza ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis noAron.

Ukubulawa kwamazibulo

29 Kwathi ke ezinzulwini zobusuku *uNdikhoyo walihlasela elaseJiputa, wawabulala onke amazibulo, kuqalela kwelikakumkani lowo wayengqendeve ebhotwe, kuye kuqhina kwelombanjwa owayengaphaya kwezitshixo, ngokunjalo nawemfuyo.

30 Ke kaloku ngobo busuku ukumkani, amaphakathi, nawo onke amaJiputa, baphaphama, bevuswa sisimbonono sesijwili. Kaloku kwakungekho mzi ungafelwanga.

31 Kwangobo busuku ukumkani waseJiputa wathumela buphuthu-phuthu ukuba kubizwe uMosis noAron. Befikile ke, wathi kubo: “Vukani nihambe, niphume phakathi kwabantu bam; nditsho nina namaSirayeli jikelele. Hambani niye kukhonza uNdikhoyo njengoko nanicelile.

32 Thathani konke okwenu, ningayishiyi imihlambi yenu yeenkomo, neegusha, neebhokhwe, niphel' emehlweni – nam nindithamsanqelise!”

33 AmaJiputa athundeza amaSirayeli ukuba emke, esithi: “Singabafileyo xa enokungahambi amaSirayeli.”

34 Ngoko ke amaSirayeli azalisa izitya zawo zokuxovela ngentlama engenagwele, aza azisongela ngeempahla, azixway' emagxeni.

35 Bayenza nento ababeyiyalelwe nguMosis, kuba bacela izinto zesiliva nezegolide, kunye nempahla yokunxiba, kumaJiputa.

36 UNdikhoyo wawenza axatyiswa amaSirayeli ngamaJiputa, aza awaxhobisa ngako konke awayekufuna. Ngaloo ndlela ke amaSirayeli awaphanga amaJiputa.

Ukunduluka kwamaSirayeli eJiputa

37 Ke kaloku anduluka amaSirayeli eRamesi, aya kutsho eSukoti. Inani lamadoda ngaphandle kwelabafazi nabantwana lalingamakhulu amathandathu amawaka.

38 Kanti ke kwabakho nengxubevange yabantu ehamba namaSirayeli, ngokunjalo nemihlambi yeenkomo, neebhokhwe, neegusha.

39 Babhaka izonka ngaloo ntlama inganyuswanga babemke nayo eJiputa. Kaloku lalingekho igwele, ibe ke ukuphuma kwabo eJiputa bagxagxanyiswa kangangokuba bangabi nako nokuzenzela nomphako lo.

40 KwelaseJiputa amaSirayeli ahlala iminyaka engamakhulu amane anamashumi amathathu.

41 Kwathi kanye ke ngosuku lokugqibela lokuphela kwaloo minyaka uhlanga lukaNdikhoyo lwaphuma eJiputa lungamabutho ngamabutho.

42 Ngenxa yokuba uNdikhoyo walinda ngobo busuku, elindele ukuwakhupha eJiputa, nangoku amaSirayeli anesiko lokulinda ngobu busuku, esenza isikhumbuzo sikaNdikhoyo.

Imiqathango ngokuqhutywa kwePasika

43 *UNdikhoyo wabayalela uMosis noAron, wathi: “Nantsi imimiselo emaniyigqale xa kubhiyozelwa *iPasika: Umntu wolunye uhlanga akavumelekanga ukuba abe nenxaxheba.

44 Ke lona ikhoboka elithengiweyo livumelekile lakuba lalukile.

45 Umhambi okanye umqeshwa makangabi nanxaxheba.

46 Inyama leyo yotyelwa kuloo ndlu iphekelwe kuyo, kungàphunywa nayo phandle. Amathambo ayo makangakrotyozwa.

47 Lo msitho uya kubhiyozelwa ngamaSirayeli ephela.

48 Umngeneleli omi phakathi kwenu, xa enqwenela ukuthatha inxaxheba kulo msitho, makuqale koluswe onke amadoda kuloo ndlu yakhe. Xa kunjalo ke woba nelungelo njengabo bonke abomthonyama.

49 Umntu ongalukanga akanalungelo kuloo msitho, nokuba uyinzalewane okanye ngumngeneleli.”

50 AmaSirayeli ke ayithobela yonke loo miyalelo kaNdikhoyo kuMosis noAron.

51 Ngaloo mini kanye uNdikhoyo wawakhupha amaSirayeli eJiputa engamabutho ngamabutho.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40