Eyemfuduko 28 XHO96

Isivatho sombingeleli

1 “Ke wena biza umkhuluwa wakho uAron noonyana bakhe: uNadabhi, uAbhihu, uElazare, noItamare. Bakhuphe kumaSirayeli, ubamisele babe ngababingeleli bam.

2 Umntakwenu uAron menzele izivatho zobubingeleli eziya kumtsho abe nesidima nomfaneleko.

3 Yalela abantu abanesiphiwo sobugcisa nobuchule, utsho benzele uAron izinxibo, khon' ukuze amiselwe umsebenzi wobubingeleli.

4 Mabenze isikhuselo-sifuba, *isidanga, umnweba, ihempe ehonjisiweyo, iqhiya, kunye nomxwayo. Ezo mpahla ke mabazenzele uAron nooyana bakhe, ukuze bangene kulo msebenzi uwodwa wobubingeleli.

5 Kulo msebenzi ke mabasebenzise igolide, nelaphu elizuba, elimsobo, nelibomvu; ibe ngamalaphu asontwe ngobuchule.

6 “Isidanga mabasenze ngolu hlobo: umbala ozuba, omsobo, nobomvu, basebenzise igolide nelaphu eliqhoqhonywe lahonjiswa ngobugcisa.

7 Masibe nemixwayo eqabela emagxeni, idibanise amacala aso omabini.

8 Masibe nebhanti eyenziwe kwangelo laphu layo, sibe yinto enye nje, ithungwe ngobugcisa nobuchule obukhulu.

9 Thatha amatye ekarneli abe mabini, ukrole kuwo amagama oonyana bakaSirayeli,

10 ngokokuzana kwabo, abe ngamathandathu ngamathandathu.

11-12 La magama oonyana bakaSirayeli ke makabhalwe ligcisa lomkroli. La macwecwe anala magama makaqhotyoshelwe ngesipeliti segolide kule mixwayo isemagxeni esidanga, ukuze ahlale esisikhumbuzo ngoonyana bakaSirayeli. Ngale ndlela ke uAro uya kuhlala ewathwele emagxeni la magama, ukuze abe sisikhumbuzo *kuNdikhoyo.

13 Thatha igolide, wenze izipeliti zokubamba la matye zibe zibini.

14 Mazibe namatsheyini amabini aphothwe ngemingqa yegolide.”

Isikhuselo-sifuba

15 “Yenza isikhuselo-sifuba esiya kunceda umbingeleli omkhulu xa efuna ukuqonda intando kaThixo. Masenziwe kwangezaa zinto senziwe ngazo *isidanga, nangobugcisa obukwanjalo.

16 Masibe ngumphindo olinganayo, ubude bube ziisentimitha ezingamashumi amabini nambini, nobubanzi bube kangako.

17 Masihonjiswe ngemiqolo emine yamatye exabiso. Kuludwe lokuqala ibe yirubhi, itopazi, negarneti;

18 kolwesibini ibe yiemeraldi, isafire, nedayimani;

19 kumqolo wesithathu ibe yitekoyisi, iagati, neamatiste;

20 kowesine ibe yibherile, ikarneli, nejaspa. Onke ke makabanjwe ngesipeliti segolide.

21 Kuya kubakho amatye alishumi elinambini. Kwilitye ngalinye ke kokrolwa igama lomnye woonyana bakaYakobi abamele izindlu zakwaSirayeli.

22 Isikhuselo-sifuba masibe namatsheyini amabini aphothwe ngemingqa yegolide.

23 Kwiikona zaso zangasentla nxibelela amakhonkco amabini egolide,

24 uze ke uqhinele la matsheyini mabini kuwo.

25 Kambe ke la macala mabini amatsheyini aseleyo orhintyela kwezaa zipeliti zibini, ukuze ngolo hlobo abhijele ngaphambili aye kuqhagamshela kwimixwayo yesidanga.

26 Kwakhona ke yenza amakhonkco amabini ngegolide, uwanxibelele phaya kwezaa kona zaso zingezantsi ngaphakathi phezu kwesidanga.

27 Ngokukwanjalo yenza amanye amakhonkco abe mabini ngegolide, uwanxibelele kumazantsi emixwayo yesidanga ngaphambili, kude kufuphi kodwa ngaphezu kwalaa bhanti ithungwe ngobugcisa nobuchule.

28 Amakhonkco esikhuselo-sifuba wadibanise namakhonkco esidanga ngomtya ozuba, ukuze isikhuselo-sifuba sihlale phezu kwesidanga singabhakuzeli.

29 “Ngoko ke xa uAron engena egumbini elingcwele makanxibe esi sikhuselo-sifuba sinamagama ezindlu zikaSirayeli, ukuze mna *Ndikhoyo ndingaze ndibalibale abantu bam.

30 Kwalapho kwisidanga faka *iiurim neethumim, ukuze uAron ahambe nazo xa esiza kum. Ewe, ngala maxesha makanxibe isikhuselo-sifuba, ukuze asoloko enako ukuyiqonda intando yam mayela namaSirayeli.”

Ezinye izivatho

31 “Ke wona umnweba ophezu *kwesidanga mawulukwe ube lilaphu elizuba.

32 Mawugqojozwe indawo yokungena intloko, ize iqukunjelwe iqine, ukuze ingakrazuki.

33-34 Kumazantsi awo uze wenze imifanekiso yeerharnati ibe zuba, emsobo, nebomvu. Ezi zihombiso ke mazibolekisane neentsinjana ezenziwe ngegolide.

35 Lo mnweba ke uAron uya kuwufaka xa ekumsebenzi wakhe wobubingeleli. Iintsimbi ezo ke ziya kukhenkceza xa angenayo egumbini elingcwele, ngokunjalo naxa aphumayo. Ngokwenjenjalo uya kusinda ekufeni.

36 “Thatha igolide ecocekileyo, wenze icwecwe elihle. Uze ukrole amagama kulo athi: ‘*OkaNdikhoyo pheleleyo.’

37 Liqhagamshele ngomsonto ozuba eqhiyeni yakhe ebunzi.

38 Eli cwecwe ke liya kuthi nca ebunzi kuAron, khon' ukuze mna *Ndikhoyo ndiwamkele amadini amaSirayeli, nangona angade abe nempazamo xa anikelayo. Ewe, eli cwecwe malibe sebunzi kuye lonke ixesha. Ngokwenjenjalo abantu bam amaSirayeli baya kuhlala bamkelekile kum.

39 “UAron uze umthungele ihempe ngelaphu elisontwe ngobugcisa. Uze umenzele iqhiya kwangelo laphu, ngokunjalo nomxwayo ohonjiswe waqhoqhonywa ngobona bugcisa.

40 “Oonyana baka-Aron benzele iminweba nemixwayo neminqwazi, ukuze babe nesidima nomfaneleko.

41 Ezi zivatho ke zinxibe uAron ngokunjalo noonyana bakhe. Wakukhov' ukwenjenjalo ke bathambise ubamisele ukuze bangene emsebenzini wobubingeleli.

42 Kwakhona thatha ilaphu, ubenzele iibhulukhwe zangaphantsi ezisuka esinqeni zime emathangeni, ukuze bangahambi ze.

43 UAron ndawonye noonyana bakhe mabasoloko bezinxibile xa bengena *esibingelelweni, noba bakwezamadini okwababingeleli, hleze bafe ngenxa yokuba behamba ze. Lo ke ngummiselo ongasoze washukunyiswa kuAron ndawonye nezizukulwana zakhe.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40