Eyemfuduko 18 XHO96

UJetro utyelela uMosis

1 Ke kaloku uyise womka-Mosis uJetro, owayengumbingeleli waseMidiyan, weva ngezinto awayezenzelwe nguThixo uMosis kunye namaSirayeli, ukubakhupha kwakhe eJiputa.

2 Wasuka weza kuMosis, ehamba noZipora umka-Mosis,

3 noGershom noElizere oonyana bakhe, kuba kaloku bona wayebabuyisele ebukhweni bakhe. UMosis wathi xa ethiya omnye woonyana bakhe wathi nguGershom, kuba esithi: “Ndandingumbhaceli kwelasemzini.”

4 Waza ke omnye wathi nguElizere, kuba esithi: “UThixo woobawo wandinceda wandihlangula kwikrele lokumkani waseJiputa.”

5 OoJetro ke badibana noMosis entlango, emise ngasentabeni kaThixo.

6 Lafika ke ilizwi kuMosis, livela kuJetro, esithi: “Ndiyeza nomkakho noonyana bakho bobabini.”

7 Waphuma ke uMosis, wabahlangabeza. Akufika kuyise womkakhe wakhahlela wamanga. Babuzana impilo ke, baya kungena endlwini kaMosis.

8 UMosis wabalisela uJetro ngazo zonke izenzo *zikaNdikhoyo kumaJiputa, ngokunjalo nangamasuka-ndihlala amaSirayeli ekuphumeni kwawo eJiputa ekhokelwa nguNdikhoyo.

9 UJetro wavuya kakhulu akuziva ezo ndaba zimnandi zokuhlangulwa kwamaSirayeli nguNdikhoyo kumaJiputa.

10 Wadanduluka wathi: “Makabongwe uNdikhoyo onihlangule kukumkani waseJiputa nabantu bakhe.

11 Ngoku nam ndiyangqina ukuba ehlabathini akakho olingana noNdikhoyo, kuba yena amaSirayeli uwahlangule kolungaka lona ulunya lwamaJiputa.”

12 Ngoko ke uJetro wenzela uThixo idini elitshiswayo neminye imibingelelo. Ke uAron, ekunye namadoda amakhulu akwaSirayeli, beza baxhamla izidlo ezo kunye noJetro umkhwe kaMosis, bekhonza uThixo.

Ukumiselwa kwabalamli

13 Kwangentseni ngomhla olandelayo uMosis waba sisinxadanxada, echophele amatyalala, esombulula iingxaki zamaSirayeli kwada kwahlwa.

14 Uthe ke uJetro akuyibona le meko yokuxakeka kukaMosis, wabuza wathi: “Khawutsho, yintoni kanye le niyenzayo naba bantu bakho? Khona, ngani ukuba ube wedwa, bona beze bengumngcelele, bafike bakuphahle kwangentseni kude kuhlwe?”

15 UMosis waphendula wathi: “Kaloku aba bantu beza kum khon' ukuze ndibabeke emkhondweni mayela nentando kaThixo,

16 kuthi xa benembambano beze kum ukuze ndibalamle ndibachazele imimiselo nemiyalelo kaThixo.”

17 Ke yena uJetro wathi kuMosis: “Hayi, nyana, olu hlobo wenza ngalo alulunganga.

18 Ngale ndlela uqhuba ngayo uyaziqoba. Uya kuxhwaleka uphel' amandla; naba bantu baya kudinwa yile nto. Kaloku umsebenzi onje awukulingananga uwedwa.

19 Khawuphulaphule ke ndikucebise; ngamana wakunceda ke uThixo. Into ofanelwe kukuyenza kukuzakuzelela abantu kuThixo, use imicimbi yabo kuye.

20 Wena kufuneka ubafundise imimiselo nomthetho kaThixo, ubacacisele indlela yokuziphatha, nako konke okulindelekileyo kubo.

21 Ngaphezulu khetha amadoda aziinkokheli ezifanelekileyo, uwamisele phezu kwamaqela ahlulwa-hlulwe angamawaka, amakhulu, namashumi angamahlanu njalo-njalo. La madoda ke mayibe ngabantu abamthobelayo uThixo, abathembekileyo, abantu abanganyobekiyo.

22 Wona isigxina sawo mayibe kukuchophela imicimbi yaba bantu. Imicimbi elula makayiphicothe ayilungise ngokwawo, ke yona imicimbi ewaxakayo ayizise kuwe. Ngale ndlela ke nawo aya kuba nenxaxheba kulo msebenzi wakho, akuphungulele umthwalo.

23 Ukuba wenjenje ke ngokuvuma kukaThixo, awuyi kuqobeka, futhi ke nabantu aba baya kutsho bavisisane.”

24 Ngenene ke uMosis wenza ngokwecebo likaJetro,

25 wawakhetha amadoda afanelekileyo kumaSirayeli, wawamisela aziinkokheli phezu kwamaqela ahlulwa-hlulwe angamawaka, amakhulu, namashumi ngamahlanu njalo-njalo.

26 Wona ke aba ngabalamli abavunyiweyo bokuphicotha imicimbi yamaSirayeli. Yonke imicimbi elula yayisonjululwa ngawo, ithi ke ewaxakayo ayigqithisele kuMosis.

27 Ke kaloku uMosis wamkhulula uJetro, waphindela kwelakowabo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40