Eyemfuduko 24 XHO96

Ukuzinziswa komnqophiso

1 Ke kaloku *uNdikhoyo wathetha noMosis wathi: “Nyuka, wena noAron, uNadabhi noAbhihu, kunye namashumi asixhenxe amadoda amakhulu akwaSirayeli. Nothi ke nisemgama nikhahlele.

2 Yoba nguwe Mosis wedwa ke oya kuza kufika kum; abanye ke abo basale; ke wona umndilili awuyi kunyuka nokunyuka entabeni.”

3 UMosis ke wawugqithisela ebantwini loo mlomo kaNdikhoyo, ngokunjalo nemiyalelo. Ke amaSirayeli atsho ngazwi-nye athi: “Konke akuthethileyo uNdikhoyo siya kukwenza.”

4 UMosis wayibhala yonke imiyalelo kaNdikhoyo. Kusasa ngengomso wakha iqonga lamadini emazantsi entaba, waza wamisa ishumi elinambini leentsika zamatye ngokwezindlu ezilishumi elinambini zikaSirayeli.

5 Kamva ke wathuma abafana, baya kwenzela uNdikhoyo amadini atshiswayo, babingelela ngeenkomo, benza amadini obudlelwana.

6 UMosis wathatha isiqingatha segazi elo, waligalela ezityeni, waza isiqingatha wasifefa eqongeni lamadini.

7 Ngoku ke wathatha umqulu ekubhalwe kuwo imiqathango yomnqophiso kaNdikhoyo, wafundela amaSirayeli. Ke wona aphendula athi: “Siya kumthobela uNdikhoyo, sikwenze konke asiyalele kona.”

8 Ke kaloku uMosis wathatha elaa gazi lalisesityeni, wafefa ngalo abantu, esithi: “Eli gazi litywina umnqophiso awenze nani uNdikhoyo mhla waninika le miyalelo.”

9 UMosis, uAron, uNadabhi, noAbhihu, kunye namashumi asixhenxe amadoda amakhulu, benyuka intaba,

10 baza bambona uThixo kaSirayeli. Iinyawo zakhe zaziphezu komgangatho welitye elibuglasirha eliluhlaza okwesibhakabhaka.

11 Kambe ke uThixo zange awase sandla la matshawe akwaSirayeli; bambona baza batya basela.

UMosis eSinayi

12 *UNdikhoyo wabhekisa kuMosis, wathi: “Nyuka uze kum apha entabeni, uhlale; ndiza kukunika amacwecwe amatye endiyibhale kuwo imithetho nemiyalelo omawuyifundise amaSirayeli.”

13 UMosis wanduluka ke nehlakani lakhe uYoshuwa; ke yena uMosis wenyuka intaba kaThixo.

14 Wathi kumadoda amakhulu: “Lindani kule ndawo side sibuye. Nâba uAron noYuri; wonke umntu onomcimbi makawandlale phambi kwabo bawuphicothe.”

15 Ngenene ke uMosis wenyuka intaba, laza lona ilifu layambathisa intaba leyo.

16-17 Baza ke ubuqaqawuli bukaNdikhoyo bahlala phezu kwentaba iSinayi. KumaSirayeli kwakungathi ngumlilo ovuthayo apho phezu kwentaba. Ilifu elo layifukama intaba leyo iintsuku zantandathu, waza ngolwesixhenxe uNdikhoyo wabiza uMosis esefini apho.

18 Ke kaloku uMosis wenyuka intaba, waya kungena apho efini. Wahlala apho iintsuku ezimashumi mane.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40