Eyemfuduko 37 XHO96

Ukwenziwa kwetyesi yomnqophiso

1 UBhezaleli wayenza ityesi yomnqophiso ngomngampunzi. Yayiziisentimitha ezilikhulu elineshumi ubude, zingamashumi amathandathu nantandathu ububanzi kwanomphakamo wayo.

2 Wayityabeka ngegolide ngaphandle nangaphakathi, waza ke wayiphetha kwangayo jikelele.

3 Kumanqina ayo omane wayifakela amakhonkco enziwe ngegolide, amabini kweli cala, amabini kweliya.

4 Kwakhona wenza imiqobo yokuphatha, wayityabeka ngegolide,

5 wayifaka kulaa makhonkco ngapha nangapha, ukuze ibe nokuthwalwa.

6 Wathatha igolide, wenza isivalo setyesi. Sasiziisentimitha ezilikhulu elineshumi ubude, zingamashumi amathandathu anantandathu ububanzi.

7-9 Wathatha igolide, wabumba *izithunywa ezimaphiko zambini, wazenza zaba yinto enye nesivalo eso, zamiswa ngapha nangapha phezu kwaso zijongene, athi ke naloo maphiko azo athe naa agubungela isivalo eso.

Ukwenziwa kwetafile

10 Wathatha umngampunzi, wenza itafile. Yona yayingamashumi asibhozo anesibhozo eesentimitha ubude, zingamashumi amane anane ububanzi; kanti ke ukuphakama zazingamashumi amathandathu anesithandathu.

11 Wayeyityabeka ngegolide ecwengileyo, futhi wayiphetha kwangayo jikelele.

12 Ngokunjalo wayenzela ungqameko oluyijikelezileyo, lungangesandla ububanzi, waza waluphetha ngegolide jikelele.

13 Wayifakela amakhonkco amane, enziwe ngegolide, wawanxibelela ezikoneni zone apho imilenze yayifakelwe khona.

14 La makhonkco okungena imiqobo yokuphatha wawenza alungelelana nongqameko olo.

15 Ke yona imiqobo leyo wayenza ngomngampunzi, wayityabeka ngegolide.

16 Itafile leyo wayenzela izitya ngegolide: iipleyiti, iikomityi, iindebe, nezitya zokwenza idini lewayini.

Isibane

17 Wathatha igolide ecwengileyo, wenza isibane. Amazantsi kunye nesiqu saso wasibumba ngegolide naso. Wasenzela izihombiso ngeentyatyambo, imidumba, namagqabi eentyatyambo; zonke ke zaba yinto enye nesibane eso.

18 Kwalapho kuso wanxibelela amasebe aso: amathathu ngapha nangapha.

19 La masebe mathandathu aphuma esiqwini sesibane wawahombisa ngeentyatyambo zealmondi, nangemidumba, nangamagqabi eentyatyambo.

20 Nesiqu sesibane wasihombisa ngeentyatyambo ezine zealmondi, wasivathisa ngemidumba namagqabi eentyatyambo.

21 Onke amasebe lawo wawasekela ngomdumba.

22 Imidumba namasebe lawo, ngokunjalo nesibane siphela, zazenzwe ngegolide ecwengileyo, kuyinto enye nje.

23 Esi sibane ke uBhezaleli wasenza ngohlobo lokuba sibe zizibane ezisixhenxe. Umcephe wokusicima ngokunjalo nezithetyana zaso wazenza ngegolide.

24 Ekwenzeni esi sibane ngokunjalo nobuxhaka-xhaka baso wasebenzisa igolide eziikhilogram ezingamashumi amathathu nantlanu ubunzima.

Ukwenziwa kweqonga lesiqhumiso

25 UBhezaleli wathatha umngampunzi, wenza iqonga lesiqhumiso. Amacala alo wawenza alingana, aziisentimitha ezingamashumi mane nantlanu, zangamashumi alithoba ukuphakama. Iimpondo zalo zazintwinye nalo.

26 Eli qonga lonke walityabeka ngegolide: umphezulu, amacala, neempondo; futhi waliphetha kwangegolide jikelele.

27 Walenzela amakhonkco amabini ngegolide. Wawanxibelela apha phantsi komphetho macala, khon' ukuze apho kuwo kungene imiqobo yokuphatha.

28 Wathatha umngampunzi, wenza imiqobo, waza wayityabeka ngegolide.

Ukwenziwa kwamafutha nesiqhumiso

29 Kananjalo wenza amafutha awodwa okuthambisa. Ngokukwanjalo wenza nesiqhumiso esivumba liyolileyo. Xa zizonke ke wazixuba okwechule.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40