Eyemfuduko 32 XHO96

Isithixo esenziwe ngegolide

1 AmaSirayeli akubona ukuba uMosis akabuyi entabeni, asuka amgungela uAron, athi: “Senzele *uthixo oza kusikhokela. Okokwakhe yena laa Mosis wasikhupha eJiputa, asiyazi into emhleleyo.”

2 UAron wayalela ukuba bathathe amacici ebafazini, koonyana, nasezintombini zabo, beze nawo kuye.

3 Bawakhulula ke amacici lawo, beza nawo kuAron.

4 Wawathatha ke, wawanyibilikisa, waza igolide leyo enziwe ngayo wayibumba ngezixhobo zokubumba, wenza inkunzana yenkomo ngayo. AmaSirayeli ke athi: “Sirayeli, nanku uThixo wakho owakukhupha eJiputa!”

5 Akuyibona le nto uAron wakha iqonga lamadini apho phambi kwaloo nkunzana yenkomo, waza wenza isaziso esithi: “Ngomso kobhiyozelwa uNdikhoyo.”

6 Kwangentseni ngomhla olandelayo benza amadini atshiswayo kwanatyiwayo. Ke kaloku abo bantu batya, basela, bahakaza, bada barheletya.

7 *UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Khawuleza uhle! Aba bantu bakho wabakhupha eJiputa babhatyazile;

8 sebekhawuleze bawushiya umyalelo endabanika wona. Ngoku bazibumbele inkunzana yenkomo, bayinqula; futhi banikela amadini kuyo. Bathi: ‘MaSirayeli, lo nguThixo wethu owasikhupha eJiputa.’ ”

9 UNdikhoyo waqhuba wathi: “Ngoku ndiyabaqonda aba bantu inkani yabo – nqwa neyesele!

10 Ngoko ke wena ndiyeke, kuba ndiza kubacim' igama, wena ndikwenze ube sisizwe esikhulu.”

11 Kambe ke uMosis watarhuzisa kuNdikhoyo uThixo wakhe, wathi: “Awu, *Mhlekazi, ungathini kaloku ukusuka ulwe kanjalo nabantu bakho owabahlangula wabakhulula ngobungaka bona ubungangamsha kwelaseJiputa?

12 Xa kunjalo amaJiputa angatsho ngakhona athi: ‘UThixo wamaSirayeli wawakhupha eJiputa eneenjongo zokuwatshabalalisela ezintabeni, awatshayele angabikho ehlabathini.’ Awu, ndiyakubongoza, Mhlekazi, lala ngenxeba, uxole, ungabi sabahlisela le ntlekele abantu bakho.

13 Khawukhumbule izicaka zakho, uAbraham, uIsake, noSirayeli. Kaloku wazifunga kwawena siqu, usithi: ‘Inzala yenu ndiya kuyandisa, ibe ninzi njengeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni. Eli lizwe ndinithembise ngalo liya kuba lilifa lezizukulwana zenu ngonaphakade.’ ”

14 Ngenene ke *uNdikhoyo wabuya nganeno kuloo ntlekele wayethe uza kubahlisela yona abantu bakhe.

15 UMosis ke wehla apho entabeni, ewaphethe loo macwecwe mabini amatye abhalwe ubungqina bomnqophiso macal' omabini.

16 La macwecwe ke ayengumsebenzi kaThixo ncakasana, nombhalo lowo wawukrolwe nguye ngenkqu.

17 Akuyiva ingxolo yabantu bekhwaza, uYoshuwa wabhekisa kuMosis wathi: “Ndiva intsholo esikhululweni ngathi lifile.”

18 UMosis waphendula wathi: “Kum le ntsholo ingathi asiyiyo eyoloyiso, okanye ukoyiswa; ivakala ngathi yeyeziyolo nje.”

19 Uthe ke uMosis akuba kufuphi, ebone loo nkunzi yenkomo, ngokunjalo nabantu beduda bexhentsa, suka wasisifu ngumsindo. Apho kanye phantsi kwentaba wasuka wawalahla phantsi loo macwecwe wayewaphethe, aphuka.

20 Wayithatha loo nkunzi babeyibumbile, wayiphosa emlilweni, waza wayicola yangumgubo, wawugalela emanzini aselwa ngamaSirayeli.

21 UMosis wabuza kuAron wathi: “Aba bantu bakwenze ntoni na ukuze ubafake kwesinje sona isono?”

22 UAron waphendula wathi: “Ungakhathazeki, mntakwethu; kaloku nawe uyabazi aba bantu ukuba baqinel' enyaleni ngesono.

23 Basuka bathi kum: ‘Senzele uThixo oza kusikhokela, kuba asiyazi into emhleleyo laa Mosis osikhuphe eJiputa.’

24 Ndithe ke kubo: ‘Ndinikeni izinto zegolide eninazo,’ baza ke benjenjalo. Ndasuka ke ndaziphosa emlilweni, kwee gqi le nkunzi.”

25 UMosis ke waqonda ukuba uAron uvule zabhuqa, baza abantu benza unothanda, bazenza intlekisa nasezintshabeni.

26 Ngoko ke wasuka wema esangweni, wathi: “Bonke *abangakuNdikhoyo mabaphume ngapha!” Ke kaloku kwaphuma yonke indlu kaLevi,

27 waza wathi kubo: “Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Umntu ngamnye kuni makathathe ikrele, aqale kweli sango, aye kuphuma kweliya lingaphaya, ebinza elalis' ugodo, kumtakwabo, isihlobo, ngokunjalo nommelwane wakhe.’ ”

28 AbaLevi abo ke benza ngokwaloo myalelo, baza ke babulala amawaka amathathu amadoda ngaloo mini.

29 UMosis ke wathi kubaLevi: “Niyabona ke, namhlanje, ngokubulala abantakwenu noonyana benu, niye naba ngababingeleli bokubusa uNdikhoyo. Ngoko ke uNdikhoyo unithamsanqele.”

30 Ngengomso ke uMosis wathi ebantwini: “Nenze isono esilumezayo. Naxa kunjalo ndiza kuphinda ndiye entabeni kuNdikhoyo, ukuze ndenze isingxengxezo ngenxa yesono senu.”

31 UMosis waya kuNdikhoyo, wafika wathi: “Aba bantu benze isono esilumezayo. Basuke bazibumbela isithixo ngegolide, basinqula.

32 Ngoku ke ndiyakubongoza, baxolele; ukuba akunakuba njalo wosewulicima igama lam encwadini yakho oyibhalileyo.”

33 UNdikhoyo wathi kuMosis: “Abantu abamagama ndiwacimayo encwadini yam, ngabo bandonileyo bodwa.

34 Ngoko ke hamba, ukhokele aba bantu, ubase kulaa ndawo ndandithethe ngayo kuwe. Ke sona isithunywa sam siya kukukhokela. Kambe ke lakufika ixesha ndiya kubohlwaya aba bantu ngenxa yesi sono.”

35 Ke kaloku uNdikhoyo wawabetha ngobhubhani wesifo amaSirayeli ngenxa yokuba amnyanzelayo uAron ukuba awenzele inkunzi yenkomo yegolide.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40