Eyemfuduko 30 XHO96

Iqonga lesiqhumiso

1 “Thatha umngampunzi, wenze iqonga lesiqhumiso.

2 Amacala alo makalingane, abe ziisentimitha ezingamashumi amane nantlanu ubude, ngokunjalo nobubanzi; umphakamo ke wona zibe ngamashumi asithoba. Izibonda zeekona mazilabalabe zenze iimpondo.

3 Eli qonga ke lityabeke lonke ngegolide: umphezulu, amacala, neempondo; futhi ke uliphethe ngegolide jikelele.

4 Lenzele amakhonkco amabini ngegolide, uwanxibelele apha phantsi komphetho macala, khon' ukuze apho kuwo kungene imiqobo yokuliphatha.

5 Nayo le miqobo yenze ngomngampunzi, uyityabeke ngegolide.

6 Eli qonga malibe nganeno komkhusane ophambi kwetyesi enobungqina bomnqophiso evalwe ngesivalo sokungxengxezela, apho ndiya kuhlangana nawe khona.

7 Miso le xa uAron eze kulungisa izibane, uya kufaka isiqhumiso esivumba limnandi kweli qonga.

8 Nasemalanga ke, xa eze kulumeka izibane, makenze kwangolo hlobo. Lo mnikelo ke wesiqhumiso mawungatyeshelwa kude kube zizizukulwana ngezizukulwana.

9 Kweli qonga ke ungaze uqhumise ngasiqhumiso simbi, okanye idini elitshiswayo, kungenjalo idini lokutya; phezu kwalo ungenzi mnikelo uthululwayo.

10 Kanye ngonyaka uAron makalihlambulule eli qonga ngokwenza idini lokucamagusha. Uya kuthatha igazi lelo dini lesono, aqabe iimpondo zalo. Lo mmiselo ke mawenziwe minyaka le, ungaze uyekwe. Ngokwenjenjalo ke eli qonga liya kuba nyulu ngokugqibeleleyo kuNdikhoyo.”

Umrhumo wesibingelelo

11 *UNdikhoyo ke wathi kuMosis:

12 “Ngexesha lobalo lwamaSirayeli umntu ngamnye aze akhuphe umrhumo wokucamagushela ubomi bakhe, khon' ukuze kungabikho shwangusha elubalweni apho.

13 Wonke umntu obalwayo makakhuphe iqhekeza lesiliva liqulunqwe ngokomlinganiselo ovunyiweyo. Ewe wonke ubani makahlawule le mali, ibe ngumnikelo wakhe kum.

14 Lilonke ke, mntu wonke ubalwayo ukuqalela kominyaka ingamashumi amabini ukunyuka, makawukhuphe loo mrhumo.

15 Uyabona ke, kuloo mrhumo wobomi babo akukho sityebi nahlwempu, koko bonke baya kukhupha ngokulinganayo umlinganiselo lowo umisiweyo.

16 Le mali ke yiqokelele kuwo onke amaSirayeli, ize isetyenziswe ekuxhaseni *isibingelelo. Lo mrhumo ke sisicamgushelo sobomi babo, khon' ukuze ndihlale ndibakhumbula ndibakhusele.”

Isitya sobhedu

17 *UNdikhoyo wathetha noMosis wathi:

18 “Yenza isitya sokuhlambela ngobhedu, usihlalise phezu kwesiseko sobhedu. Masime phakathi kwegumbi elingcwele neqonga lamadini, usigalele amanzi.

19 UAron noonyana bakhe baya kuhlamba izandla neenyawo kuloo manzi

20 xa bangenayo egumbini elingcwele okanye besiya kwenza idini elitshiswayo kwiqonga lamadini, ukuze bangafi.

21 Ewe, mabahlambe izandla neenyawo ukuze bangafi. Lo ke ngummiselo amabawuthobele bona nezizukulwana zabo.”

Amafutha okuthambisa

22 *UNdikhoyo wayalela uMosis wathi:

23 “Thatha obona bulawu bodidi: iikhilogram ezintandathu zemore engamanzi, iikhilogram ezintathu zesinamon evumba limnandi, iikhilogram ezintathu zezele elivumba limnandi, neekhilogram ezintandathu

24 zekasiya; zonke mazilinganiswe ngokomlinganiselo ovunyiweyo. Xa zizonke ke zidibanise neelitha ezine zamafutha omnquma,

25 wenze isiqholo esingamafutha anyulu avumba limnandi, axutywe lichule.

26 Ngawo ke thambisa intente *yesibingelelo, ityesi enobungqina bomnqophiso,

27 itafile namasolotya ayo, isibane nobuxhaka-xhaka baso, iqonga lesiqhumiso,

28 iqonga lamadini nokwalo, kunye nesitya sokuhlambela nesiseko saso.

29 Wakuba uzihlambulule ngolu hlobo ke ezi zinto ziya kuba nyulu ngokupheleleyo, ngokunjalo ke nantoni na ezichukumisayo iya kuba nyulu.

30 Thambisa uAron noonyana bakhe, ubamisele babe ngababingeleli bam.

31 Waxelele amaSirayeli ukuba la mafutha ngawam kuphela kude kube zizizukulwana ngezizukulwana.

32 Umntu nje ongomnye angàze athanjiswe ngawo. Kwaye futhi ungàze uthathe le migqalisela axutywe ngayo wenze amafutha nje. Kaloku anyulu; ngoko ke wahloniphe.

33 Nabani na owenza amafutha afana nawo, okanye osebenzisa la mafutha mntwini wumbi ungengombingeleli, uya kusikwa phakathi kwabantu bam.”

Isiqhumiso

34 *UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Thatha umlinganiselo ofanayo wezi ntlobo zobulawu: isitakate, ionirha, igalbhano, nentlaka yokuqhumisa yoqobo.

35 Yenza ngazo umxube wesiqhumiso esivumba liyolileyo. Sithi saa ityiwa, sihlambuluke sibe nyulu.

36 Thatha inxalenye yaso, uyicole ibe ngumgubo, ungene nayo *esibingelelweni, uyibeke phambi kwetyesi yomnqophiso apho ndiya kuhlangana khona nawe. Esi siqhumiso masihlonipheke; sinyulu.

37 Ningaze nithathe imigqaliselo yalo mxube waso nizenzele esenu. Siphatheni ngentlonipho, sibe sesam ndedwa.

38 Nabani na ozenzele isiqhumiso esifana naso, okanye osebenzisa esi njengesiqholo, uya kusikwa phakathi kwabantu bam.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40