Eyemfuduko 9 XHO96

Ukufa kwemfuyo

1 *UNdikhoyo wabhekisa kuMosis wathi: “Yiya kukumkani waseJiputa, uthi kuye: ‘UNdikhoyo uThixo wamaHebhere uthethe wenjenje: “Khulula abantu bam, baye kundikhonza.”

2 Ukuba uyala ukubakhulula,

3 uNdikhoyo uya kukohlwaya ngokuthumela isibetho esoyikekayo kwimfuyo yakho: amahashe, iidonki, iinkamela, iinkomo, iigusha, neebhokhwe.

4 Uya kuyikhetha imfuyo yamaSirayeli kweyamaJiputa. EyamaSirayeli imfuyo soze ife.

5 Le nto ke iya kwenzeka ngomso.’ ”

6 Ngengomso ke uNdikhoyo wenza njengoko wayethethile. Yonke imfuyo yamaJiputa yafa, kodwa kweyamaSirayeli zange kufe nob' ibe nye.

7 Ukumkani wathuma amadoda aye kukhangela ukuba kube njani na kwimfuyo yamaSirayeli, waza waxelelwa ukuba akufanga nale inye. Naxa kunjalo wankaniza, akavuma ukuwakhulula amaSirayeli.

Amathumba

8 *UNdikhoyo wabiza uMosis noAron, wathi kubo: “Yikhani uthuthu ngezandla, nize niye kwakumkani, uMosis aluphose phezulu ukumkani ebukele.

9 Luya kuphephetheka njengothuli kulo lonke elaseJiputa. Luya kudala amathumba aya kubhidla abe zizilonda ebantwini nasezilwanyaneni kulo lonke elaseJiputa.”

10 Baluthatha ke uthuthu eziko, baya kwakumkani, waza uMosis waluphosa phezulu ekho nokumkani. Lwaphephetheka ke, lwaza lwadala amathumba asuka abhidla aba zizilonda ebantwini nasezilwanyaneni.

11 Ngenxa yamathumba abo abemilingo bona abazange babe nako ukumelana noMosis. Kaloku onke amaJiputa ayenamathumba.

12 Kambe ke uNdikhoyo, njengoko wayetshilo kwangaphambili, wamenza waneenkani ukumkani, akavuma ukuphulaphula ooMosis noAron.

Isichotho

13 *UNdikhoyo waphinda wathetha noMosis wathi: “Vuka kusasa ngomso, uye kukumkani, umxelele ukuba uNdikhoyo uThixo wamaHebhere uthi: ‘Khulula abantu bam, baye kundikhonza.

14 Kwesi sihlandlo ndiya kukuhlabanisela ngezibetho, wena namaphakathi nabantu bakho, nitsho niqonde ukuba ehlabathini liphela akakho onjengam.

15 Ukuba bendithanda ngesendisolule isandla sam, ndanitshayela ngesibetho, nanyamalala emhlabeni.

16 Kodwa ke ndisaniyekile, kuba ndifuna ukunibonisa ubungangamsha bam, luze luthi nodumo lwam lunwenwe ehlabathini liphela.

17 Njengokuba usazingca nje, ungavumi ukubakhulula abantu bam,

18 uyabona ke, ngomso ngeli xesha ndiya kuthumela isitshu sesichoto esingazanga sabonwa nanini na ezimbalini zeJiputa.

19 Ngoko ke thumela iye kuqokelelwa yonke imfuyo yakho, ivalelwe, khon' ukuze isinde. Kaloku ukufika kwaso yonke into ephandle, umntu kwanesilwanyana, iya kutshabalala.’ ”

20 Ke kaloku loo maphakathi kakumkani ayenevuso ngenxa yomlomo kaNdikhoyo, athumela amakhoboka, yaqokelelwa imfuyo yawo, yavalelwa.

21 Kambe ke lawo angazange alikhathalele ilizwi likaNdikhoyo awayeka emadlelweni amakhoboka kunye nemfuyo yawo.

22 UNdikhoyo wathi kuMosis: “Phakamisela isandla sakho esibhakabhakeni, ukuze kuwe isichotho kulo lonke elaseJiputa, sibethe abantu, izilwanyana, nako konke okuntshula emhlabeni.”

23 UMosis ke wayiphakamisa induku yakhe, waza uNdikhoyo wayivulela imibane, iindudumo, nesichotho, zatsho kwakubi kwelaseJiputa.

24 Wasithulula isichotho, yalenyeza imibane, zatsho ngenzwinini eyayingazange yabonwa ezimbalini zeJiputa.

25 Eso sichotho sageqa konke okwakuphandle, abantu, izilwanyana, izityalo, kunye nemithi, kulo lonke elaseJiputa.

26 Kanti ke eGoshen, umhlaba wamaSirayeli, zange sifike isichotho.

27 Ukumkani ke wathumela buphuthu-phuthu, wathi makubizwe uMosis noAron, waza wathi kubo: “Ngoku ndiyavuma, ndonile mna nabantu bam; uNdikhoyo yena akaphazamanga.

28 Khawuncede umbongoze uNdikhoyo. Kwanele ngoku – ezi ndudumo nemibane zisongamele! Ndiza kunikhulula ndingaphozisanga maseko!”

29 Waphendula uMosis wathi: “Nje ukuba ndiphume apha esixekweni, ndiya kuzolulela kuNdikhoyo izandla zam, sitsho sithothe isiphango, sinqamke isichotho, khon' ukuze uqonde ukuba lelikaNdikhoyo ihlabathi liphela.

30 Kambe ke wena namaphakathi akho ndiyanibona ukuba anikamqondi uNdikhoyo uThixo.”

31 Umqhaphu nerhasi zavuthuluka zatshabalala. Kaloku irhasi yona kwakuxa ihlanzayo; umqhaphu ke wona kuxa udubulayo.

32 Kanti ke ingqolowa nehabile zange zonakale, kuba zazisephantsi.

33 Akumka ke uMosis kwakumkani, ephumile nasesixekweni, waphakamela kuNdikhoyo ngomthandazo. Ngoko nangoko sathotha isiphango, yapheza nemvula.

34 Uthe ke ukumkani akubona ukuba sithothile isiphango nemvula inqamkile, waphindela ukona oku; kuba waphinda waqaqadeka, wankaniza, yena ngokunjalo namaphakathi akhe.

35 Ewe, wankaniza wala ukuwakhulula amaSirayeli ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40