Eyemfuduko 14 XHO96

KuLwandle oluBomvu

1 *UNdikhoyo wayalela uMosis wathi:

2 “Yitsho kumaSirayeli abuye umva, afike athi xha phambi kwePi-hahiroti phakathi kweMigdoli noLwandle oluBomvu ngaseBhali-zefon.

3 Yena ukumkani waseJiputa uza kucinga ukuba niyabhadula, nivalelwe yintlango.

4 Ndisaza kumqaqadekisa anisukele, ndize ndithi ndakumoyisa ndawonye nemikhosi yakhe ndizuze udumo. NamaJiputa aya kutsho aqonde ukuba ndinguNdikhoyo.” Okunene ke amaSirayeli enza ngokomyalelo lowo.

5 Ukumkani ndawonye namaphakathi akhe bathi, bakuva ukuba ngenene amaSirayeli emkile, bajibilika. Ewe, suka bazisola, bathi: “Besingenwe yini kakade, ukuze senze into enje? Bekutheni ukuze siwayeke amakhoboka ethu emke?”

6 Ngoko ke ukumkani waxhoba, wabopha iinqwelo zakhe zokulwa, waphuma nomkhosi wakhe.

7 Wakhupha nezona nqwelo zithembekileyo zimakhulu omathandathu, zibhexeshwa ziingqwayi-ngqwayi ezaziwayo. Akashiyanga nanye kwiinqwelo zaseJiputa.

8 UNdikhoyo wamenza waneenkani ukumkani waseJiputa, wawasukela amaSirayeli; aye wona phofu ehamba ngesibindi.

9 Yaphuma imikhosi yamaJiputa, yasukela ngeenqwelo zamahashe. Yayiziinqwelo nabeenyawo. Yabafumana bephumle ngakuLwandle oluBomvu, kufutshane nePi-hahiroti neBhali-zefon.

10 AmaSirayeli athi akubona umkhosi wokumkani waseJiputa ugaleleka, ankwantya, abhenela kuNdikhoyo.

11 Abhekisa kuMosis athi: “Kungokuba kungekho mangcwaba na eJiputa, le nto usizisa entlango, ukuze sifele khona? Uyayibona ke into oyenzileyo ngokusikhupha eJiputa? Asiyiyo le nto sasiyithetha kuwe phambi kokuba sinduluke?

12 Ewe, sasitshilo kuwe sathi siyeke sibe ngamakhoboka amaJiputa. Bekubhetele ukuba sibe ngamakhoboka awo endaweni yokuba size kufela kule ntlango!”

13 Ke yena uMosis wathi kuwo: “Sanukoyika; qinani! Niza kubona; uNdikhoyo uza kunihlangula namhlanje! Ke wona la maJiputa niwabonayo namhlanje soze niphinde niwabone kwakhona!

14 Zolani nina; uNdikhoyo uza kunilwela!”

15 UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Sesani ke esi sikhalo nisenzayo? Yitsho amaSirayeli ahambele phambili.

16 Wena yolula ingalo yakho, uphakamise induku phezu kolwandle. Amanzi aya kuhlukana kubini, aze amaSirayeli awele ehamba emhlabeni owomileyo.

17 AmaJiputa ndiya kuwenza abe neenkani, atyhudise emva kwamaSirayeli. Ke mna olwam uloyiso luya kuqaqamba phezu kokumkani nemikhosi yakhe, ngokunjalo neenqwelo zakhe.

18 Ndiya kuthi ndakumoyisa ukumkani wamaJiputa nomkhosi wakhe, abantu bakhe batsho bandazi ukuba ndinguNdikhoyo.”

19 Kwesi sithuba ke isithunywa sikaThixo esasiwakhokele amaSirayeli sajikela ngasemva salandela. Ngokunjalo nomqulu welifu owawuwakhokela

20 wajika wema phakathi kwamaSirayeli namaJiputa. Ilifu elo lasitha kwatsho kwasebusuku kumaJiputa, kodwa kwakukhanya kumaSirayeli. Loo nto ke yatsho ayabi nakuhlangana loo mikhosi mibini bonke obo busuku.

21 Ngenene ke uMosis wasolula isandla sakhe phezu kolwandle, waza uNdikhoyo wathumela umoya onzima wasempuma, walududula ulwandle, kwavela umhlaba owomileyo. Umoya lowo wabhudla ubusuku bonke, aza ahlukana kubini amanzi.

22 AmaSirayeli awela emhlabeni owomileyo, amanzi eziindonga ngapha nangapha.

23 Ke kaloku amaJiputa xa ewonke, neenqwelo kunye namahashe okumkani, axhabasha angena elwandle esukela amaSirayeli.

24 Ekuzeni kokusa uNdikhoyo ekwelo lifu neso sithatha somlilo wayijonga imikhosi yamaJiputa, yatsho yaphithizela.

25 Amavili eenqwelo amomana, baza baba ngathini abaqhubi zaxinga. AmaJiputa akhala athi: “UNdikhoyo uyawalwela amaSirayeli; masiwayeke sisabe.”

26 Ke kaloku uNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Yolula isandla sakho phezu kolwandle kwakhona, ukuze amanzi awagubungele amaJiputa kunye neenqwelo zawo.”

27 UMosis wenza ngokomyalelo lowo, kwaza kwathi ke ngomsobomvu amanzi athi wayi-wayi abuyela endaweni yawo. Athi ke esaduntsuza ezama ukubaleka amaJiputa, uNdikhoyo wawagubungela ngolwandle.

28 Ewe, amanzi adibanisa abuyela kwindawo yawo yesiqhelo, aza ke wona amaJiputa neenqwelo zawo nawo wonke umkhosi kakumkani owawuleqa amaSirayeli wantywiliselwa lulwandle, akwasala nomnqongo lo!

29 Kanti ke wona amaSirayeli awela emhlabeni owomileyo, amanzi aludonga ngapha nangapha.

30 Ngaloo mini ke uNdikhoyo wawasindisa amaSirayeli kumaJiputa. AmaSirayeli ayibona imizimba yamaJiputa iqungquluze elunxwemeni lolwandle.

31 Athi amaSirayeli akukubona ukusebenza kwamandla kaNdikhoyo ngokoyisa amaJiputa, angenelwa luloyiko, amhlonela. Ewe, azinikela kuNdikhoyo, akholelwa kwisicaka sakhe uMosis.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40