Eyemfuduko 7 XHO96

UNdikhoyo uyaleza uMosis noAron

1 *UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Uyabona ke, wena ndiza kukwenza ube ngathi unguThixo kukumkani waseJiputa, yena umkhuluwa wakho abe *ngumshumayeli wakho.

2 UAron uze umxelele konke endikuyalela kona, ke yena uya kubhekisa kukumkani, atsho akhulule amaSirayeli aphume emhlabeni wakhe.

3 Kambe ke ndiya kumqaqadekisa ukumkani, angavumi ukuwakhulula amaSirayeli noba sendiyiphinda-phinda kangakanani na imiqondiso nemimangaliso yam kwelaseJiputa.

4 Ngoko ke ndiya kuba ngqongqo kwelaseJiputa, ndilohlwaye. Ke bona abantu bam amaSirayeli ndiya kubakhupha ngendlu yabo.

5 Igunya endiya kuwakhupha ngalo amaSirayeli eJiputa liya kubetha aqonde amaJiputa ukuba ndinguNdikhoyo.”

6 Ke uMosis noAron bênza kanye ngendlela ababeyalelwe ngayo nguNdikhoyo.

7 Ukuthetha kwabo nokumkani waseJiputa uMosis wayenamashumi asibhozo eminyaka, ke yena uAron emashumi asibhozo nantathu.

Induku ka-Aron

8 *UNdikhoyo wabayala ooMosis noAron, wathi:

9 “Xa ukumkani esithi: ‘Ndibonise ummangaliso,’ uze uthi kuAron: ‘Phosa induku yakho phambi kokumkani.’ Yojika ke ibe yinyoka.”

10 Bahamba ke uMosis noAron, baya kukumkani, benza njengoko babeyalelwe nguNdikhoyo. UAron wayiphosa phambi kokumkani namaphakathi akhe induku yakhe, yaza yajika yayinyoka.

11 Kuthe ke kwakuba nje, ukumkani wabiza oosiyazi namaqili elaseJiputa, nabo bazijika ezabo iinduku ngemilingo yabo.

12 Ewe, baziphosa phantsi, yayileyo yajika yaba yinyoka; koko ke yona eka-Aron yasuka yaziginya zonke.

13 Kodwa ke ukumkani wenza njengoko wayetshilo uNdikhoyo, intliziyo yakhe yaqaqadeka, akabaphulaphula.

Izibetho kwelaseJiputa: Igazi

14 Ke kaloku *uNdikhoyo wathi kuMosis: “Ukumkani uneenkani; akavumi ukubakhulula abantu bam.

15 Ngoko ke, phumani kusasa xa aya emlanjeni, niyokumlindela elunxwemeni lomlambo, niphethe laa nduku yayijike yaba yinyoka.

16 Thethani naye nenjenje: ‘UNdikhoyo uThixo wamaHebhere wandithuma esithi: “Khulula abantu bam, baye kundinqula entlango!” Kambe ke awukayenzi loo nto unangoku.

17 Ngoku ke uNdikhoyo uthi: “Nantsi ke into eza kukwenza ukuba uqonde ukuba mna ndinguNdikhoyo” – la manzi omlambo iNayile ndiza kuwabetha ngale nduku isesandleni sam, atsho ajike abe ligazi.

18 Iintlanzi ziya kufa, umlambo utsho unuke, amaJiputa atsho awacekise amanzi eNayile.’ ”

19 UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba athi kuAron: “Thatha induku yakho, uwalekuze ngayo amanzi aseJiputa, emilanjeni, ezintlanjeni, emachibini, nasemaquleni, atsho ajike abe ligazi. Koba ligazi ke kulo lonke elaseJiputa; nditsho nasezityeni zomthi nakwezamatye.”

20 UMosis noAron benza njengoko babeyalelwe nguNdikhoyo. UAron wayiphakamisa induku yakhe ekho ukumkani namaphakathi akhe, wawabetha amanzi omlambo iNayile, aza ke onke amanzi omlambo lowo ajika aba ligazi.

21 Zafa ke iintlanzi apho emlanjeni, aza amanzi awo anuka kangangokuba amaJiputa angabi nako ukuwasela; yaba ligazi nje konke kwelaseJiputa.

22 Ngemilingo yawo amaqili aseJiputa nawo ayenza loo nto yayisenziwa ngooMosis. Ngenxa yoko ukumkani waqaqadeka, akavuma ukubaphulaphula ooMosis noAron njengoko wayetshilo uNdikhoyo.

23 Ndaweni yaloo nto wasuka wee khwitshi wangena ebhotwe, akayikhathalela le nto ihlileyo.

24 AmaJiputa wona azigrumbela amanzi apho kufuphi nomlambo, kuba la omlambo ayengaseleki.

Amasele

25 Kwadlula iintsuku ezisixhenxe emveni kwesibetho saseNayile.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40